



88 BONA XHOSA -June
1995

UMDLALO
OFUNDISA
NGE-A1DS

UPrimrose (onxibe  ilokhwe eluhlaza) ubonisa indlela engalungile yokuziphatha njengoko engxolisa uCatol ngokuphila ubomi obukruqulayo


UKingley Sinkala  wawubhala umcilalo wakhe weqonga ngenjongo yokufikele!a kulutsha yaye alufundise ngeengozi zesifo seAIDS nangendlela yokusithintela singasasazeki

Udlalane onguDesmond (uKingley Sinkala) edlala kulo mdlalo uthi New Attitudes


KUTSHANJE Ezolutsha zidibene
neeklabhu ezininzi eSwaztni ezilwa nesifo seAIDS. Oku kusenze sathi nqa ukuba kungcini singenazo iiklabhu ezinjalo eMzanfsi-Afrika.
Kodwa kuthe kwakuqaliswa ukuboniswa komdlalo omtsha wolutsha othi New attitudes eDatro Theatre eWindybrow Centre of Arts ejohannesburg kwacaca ukuba nathi osisalanga ngasemva.
Abadlali balo mdlalo weqonga, abaquka nombhali wawo uKingley Sinkala, bafanele banconywe nakubeni beseneempazamo ezimbala abazenzayo apha naphaya kuba bayifumene indlela yokugqithisa umyalezo ongeAIDS ebantwini. Lo mdlalo weqonga ungezinto

Umdlalo omtsha obhalwe nguKingley Sinkala othi New Attitudes uza kufundisa wonke umntu ngobhubhani wesifo seAIDS

ezenzeka nyhani entlalweni nangeenyaniso ngesifo seAIDS, nangendlelo uluntu olusibona ngayo esi sifo. Izinto eziyinyaniso nezinto azenziwa ngokugqithisileyo.
Umba wamantombazana aselula abanomtsalane emadodeni ahamba ngeemoto ezintle nanemali eninzi ifumana ingqalelo - umdlali onguPreciuos Pinky Rihlane odlala indawo kaprimrose uyidlala kakuhle indawo yokuba ngumntwana wesikolo othandana noDesmond, onguKingley Sinkala.
Abantu ababukele lo mdlalo baboniswa iindlela ezahlukeneyo zokuphepha ukusulelwa sisifo seAIDS. Okokuqala, ngokungabi nendibano yesondo ningayisebenzisi ikhondom. Okwesibini, ngokuzama ukuqonda ubunjani nembali yendibano yesondo yomntu osenokuncuma naye.
Phofu ke eyona nto kugxininiswa kuyo kulo mdlalo kukuba makusetyenziswe ikhondom kwindibano yesondo kungenjalo ungazibandakanyi kwaphela kwindibano yesondo.
Lo mdlalo ukhuthaza nabantu ukuba babamkele abantu abaneAIDS njengabanye abantu. Kwenye indawo uPrimrose nabafundi afunda nabo batyelele omnye onesi sifo.
Ulutsha lunethamsanqa kuba iExcelsior International Performing Arts Centre (iEXIPAC) iza kuhamba iwubonisa lo mdlalo ezikolweni, kwiikholeji nakwiiyunivesithi zalo lonke eli.
Eyona njongo yethu kukuba kusekwe iAIDS Awareness Club kumaziko emfundo ahlukeneyo. Linyathelo elibalulekileyo elo kuthi, ukubonisa ukuba imidlalo yeqonga asiyeyokonwabisa nje kuphela. Ikwayeyokufundisa nokukhathalela uluntu lwakowethu, utshilo uKingley Sinkala.
Ezinye iindaba ezimnandi ngomdlalo othi NewAttitudes zezokuba iSABC-TV iza kubonisa malunga neziqendu zalo mdlalo ezisibhozo ezithabatha imizuzu engama-20. 




89 XHOSA BONA 

UTUMI
NGUMSASAZI
WETELLY FUN QUIZ
UTumi Makgobo waseMamelodi
West, ePitoIi unqumfundi,
engumsasazi omtsha kwiTelly Fun
Quiz

UTUMI Makgabo usandul'ukujoyina umvavanyi emidlalweni yemibuzo uMartin Bailie kunye noEddie Eckstein kwisiqendu se-13 seTelly Fun Quiz. Nonyakanje kuza kubakho i-R1,5 yesigidi samabhaso ekufuneka sizuzwe ngabo bothabath'inxaxheba kukhuphiswano kwakunye nababukeli - kuquka nokuzuza amatikiti okuya kwiRugby World Cup.
Ukusasaza le nkqubo yenye yezinto ezibalaseleyo ebomini bam. Ndiza kuwenza umzamo ukuze ndiphumelele, ndiza kusoloko ndikho xa ababukeli bezuza loo mawakawaka eerandi, utshilo uTumi.
Phambi kokuba azuze lo msebenzi wokusasaza iTelly Fun Quiz uTumi ohlala eMamelodi West, ePitoli, ukhe wavela kumabonakude emodela kwezentengiso.
Umhlohli wangasese umfundise iindlela zokudlala kwimidlalo yeqonga, ukhe wadlala nakwimidlalo yeqonga xa ebesafunda. UTumi ukhe wanguMiss Transvaal kukhuphiswano lonobuhle ngo-1992.
Sibhala nje uTumi wenza isidanga seB.Proc eUnisa.


INKCAZO NGOMBHALI: UKediemetsie
Segalo (une-18 leminyaka) ungumfundi wezonxibelelwano noluntu nokuba yintatheli kwiBirnam College eColett Drive, eBramley cebu kuhle neJohannesburg.
Ulilungu leProfessional Kids Agency ekwangumsasazi kwiinkqubo ethi Mini TV ku TV1.

EBUTSHENI bam ndafundiswa ukuthandana kwenkwenkwe nentombi kwahlukile kokwendoda nomfazi. Indlela ephila ngayo inkwenkwe nentombi kwanendoda nomfazi yahlukile. Ndakuhlolisisa iinyaniso ngalo mba ebantwini abadala ndifumanise ukuba inkoliso yabo ilangazelela ukuba inge yayiwuqondile lo mahluko, ingenzi iimpazamo ezenzileyo. Inkoliso yabo inqwenela ukuwatshintsha amaxesha ibuyele ebutsheni, ilungise iimpazamo edlule kuzo.
Kuthe emva kokuthetha naba bantu ndaqonda ukuba asingabo bonke obayivuyelayo iminyaka yobutsha babo
- ingakumbi xa bekhumbula ezo mini neempazamo abazenzayo.
Enye yeengxaki ezinkulu ezenziwe ngabantu abaninzi ngoko, nabasathanda ukuyenza nanamhlanje, kukutsibela ngaphaya kobuhlobo. Kwiminyaka edlulileyo ukukhulelwa kolutsha kunokuthethelelwa ngenxa yokungafundi nokungafumaneki kwenkcazelo ingakumbi kubazali noluntu.
Kodwa into endothusayo ngoku kukunyuka kwamanani okukhulelwa kolutsha kule mihla kunokuba athothe, Kubang'usizi oku, ingakumbi kuba kukho inkcazelo eninzi yokwenza iindibano zesondo ezikhuselekileyo nokucwongcisa.
Ngeempazamo zethu namhla thina lutsha akukho mntu esinokumtyhola. Nkqu nokuba usemtsha, uyazazi xa ubhatyaza. Iindibano zesondo phambi kokuba utshate ziyinxalenye yezi mpazamo. Akungemcingalisi ukuthi ulutsha luzenze abazali bengaboni. Kodwa khumbulani, abazali bethu kufuneka babe namabhongo ngathi njengabantwana babo. Kukangakanani esiye singabaniki ithuba abalinqwenelayo? Bayakufuna

Iindaba
Zolutsha
Lo ngumhlathi wesithathu kungcelele lwamanqaku athunyelwa lulutsha lwalo lonke eli, luthetha nangayiphi na ingongoma enomdla kwinkqubela yalo, Kule nyanga umxholo uthi: ULUTSHA
NEZOTHANDO.

ukusithanda nokusiwola, ngembuyekezo thina siza nelonye usana entsatsheni.
Ethubeni elidlulileyo, abazali babenendlela yokubulela abantwana babo ngokuhlonela iminqweno yabo de bakhule bafikelele kuma-21 eminyaka.
Babemema wonk'umntu eze, azokubhiyoza nabo xa umntwana wabo ekhulile. Kule mihla bangaphi abazali abanikwa elo thuba lokuba netheko lokubhiyoza? Luninzi kangakanani ulutsha olusahlonela abazali balo de lufike kuma-21 eminyaka?
Ukubhiyozelwa kweminyaka engama 21 umntwana ezelwe akusafani nangaphambili.
Xa kuthethwa ngokuthandana -ulutsha maluqonde ukuthi xa luchula kunye, inkwenkwe nentombi, bazizihlobo nje - akufanele unyanzeliswe wenze into ongayifuniyo.
Ingxaki kuthi zintombi kukuphulaphula izithandwa zethu xa zisixelela emasikwenze kuba sizijonga njengabantu esibathandayo.
Akulula ukuthi hayi kuba ukuchitha ubusuku naso akunto intsha. Akusenjengokuba kwakunjalo. Ngelishwa, namhlanje xa useyinkwenkwe engekalali nentombi ujongwa njengosadla ngendeb'endala.
Khumbula, osisinqanda-mathe sakho usenokukuqhatha nibe neendibano zesondo kuba enezi ngqondo zale mihla kodwa akakujongi njengeqabane. Ungaqhathwa. Ukuba akuqhatheki abantu baza kukujonga njengesilumko.
Uyazi, kuhle ukuthi uphucule indlela yokuthanda uthile ngokulinda de utshate ungazange ube neendibano zesondo.
Ukuba sonke siyakuyeka ukuqhatha, siqalise ukwenza esikholelwa kuko, siya kuba siqalisa ukwakha isizukulwana esitsha esiguquliweyo.
Sinokuzinyanga iintliziyo zabazali bethu ezityumkileyo, sibenze bancume. Masithethe nabo. Masiphokoze iintliziyo zethu kubo kuba BAZEZONA zihlobo zethu.
Sinokude sicinge ngokwenza iindibano zesondo kuphela xa sitshatile. Ukuba siyazithanda siza kwenjenjalo.
Masicingisise ngendlela abazali bethu abaye bakhathazeke ngayo ngathi. Ngembuyekezo, abazali bethu baza kukhululeka, bathethe nathi lula.
Bayasifuna, nathi siyabafuna.


		BONA XHOSA - June 1995 91

